13 Wenza amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, kunye neminikelo ethululwayo, waza wafefa ngegazi elingumnikelo wakhe wobudlelwane kwalapho eqongeni.
14 Ke lona iqonga lobhedu elalimi phambi koNdikhoyo walisusa phambi kwendlu kaThixo, apho lalikhona phakathi kweqonga elitsha nendlu kaNdikhoyo, walimisa ngasentla kweqonga elitsha.
15 Ukumkani uAhazi wayalela umbingeleli u-Uriya wathi: “Kweli qonga litsha likhulu yenza amadini atshiswayo akusasa, namadini eenkozo asemalanga, amadini kakumkani atshiswayo, ndawonye namadini akhe eenkozo, kunye namadini atshiswayo abantu beli lizwe, ndawonye namadini abo eenkozo kunye nathululwayo. Apho eqongeni ke uze ufefe ngegazi lawo onke amadini atshiswayo. Ke lona iqonga lobhedu ndolisebenzisa xa ndifuna isikhokelo.”
16 Ngenene ke u-Uriya wenza ngokomyalelo kakumkani uAhazi.
17 Ukumkani uAhazi waziqhaqha iinqwelo zobhedu ezazilapho endlwini kaThixo, wazisusa nezitya zokuhlambela ezazikuzo. Walisusa ichibi lobhedu kwezo nkunzi zeenkomo zazilixhasile, walixhasa ngesiseko samatye.
18 Wasisusa isigqubuthelo esasakhelwe *uMhla woPhumlo apho endlwini kaThixo, walisusa nesango elalilungiselelwe ukumkani apho endlwini kaNdikhoyo, izinto ezo awayezenza kuba ezama ukukholisa ukumkani waseAsiriya.
19 Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahazi nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.