2 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kambe ke noko akafananga nookumkani bakwaSirayeli ababemandulele.
3 Ke uShalmanesere ukumkani waseAsiriya wahlasela uHosheya owayekade ephantsi kwakhe emnika imirhumo.
4 Ukumkani waseAsiriya wafumanisa ukuba uHosheya umgwilikele, kuba wayethumele oonozaku-zaku kukumkani waseJiputa onguSo, futhi ke engasayikhuphi imirhumo awayefudula eyikhupha minyaka le. Ngoko ke uShalmanesere wambamba wamvalela entolongweni uHosheya.
5 Ewe, ukumkani waseAsiriya wahlasela elo lizwe liphela; ke yona iSamariya wayingqinga iminyaka emithathu.
6 Kuthe ke kunyaka wethoba elawula uHosheya, suka ukumkani waseAsiriya wayoyisa iSamariya, waza amaSirayeli lawo wawafudusela eAsiriya. Wawahlalisa eHala nakwiGozan ephezu komlambo iHabhore, ngokunjalo nakwiidolophu zamaMedi.
7 Le ntlekele ke yamhlela uSirayeli kuba emonile *uNdikhoyo uThixo wakhe owaya kumkhuphulula wamkhulula eJiputa phantsi kwesandla esingqongqo sokumkani wakhona. Basuka banqula thixo bambi,
8 balandela imikhwa yeentlanga awazigxothayo *uNdikhoyo, waza wafaka amaSirayeli emhlabeni wazo. Kananjalo bangena kwimikhwa eyangeniswa ngookumkani bakwaSirayeli.