6 Kuthe ke kunyaka wethoba elawula uHosheya, suka ukumkani waseAsiriya wayoyisa iSamariya, waza amaSirayeli lawo wawafudusela eAsiriya. Wawahlalisa eHala nakwiGozan ephezu komlambo iHabhore, ngokunjalo nakwiidolophu zamaMedi.
7 Le ntlekele ke yamhlela uSirayeli kuba emonile *uNdikhoyo uThixo wakhe owaya kumkhuphulula wamkhulula eJiputa phantsi kwesandla esingqongqo sokumkani wakhona. Basuka banqula thixo bambi,
8 balandela imikhwa yeentlanga awazigxothayo *uNdikhoyo, waza wafaka amaSirayeli emhlabeni wazo. Kananjalo bangena kwimikhwa eyangeniswa ngookumkani bakwaSirayeli.
9 AmaSirayeli anyebelezela enza izinto ezichaseneyo noNdikhoyo uThixo wawo, zinto ezo wayengazifuni. Azakhela iindawo zonqulo kuzo zonke iidolophu, ukusukela kwimboniselo yabalindi kuye kutsho kwizixeko ezinqatyisiweyo.
10 Amisa iintsika zamatye kunye nemifanekiso ka-Ashera kuzo zonke iinduli naphantsi kwayo yonke imithi efukufuku.
11 AmaSirayeli ayesenza iziqhumiso kuzo zonke iinduli zawo zonqulo, mkhwa lowo ke wawusenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo phambi kokuba afake amaSirayeli khona. Ewe, ayesenza izinto azichasileyo uNdikhoyo; ngaloo ndlela ke awuxhokonxa umsindo wakhe.
12 Ewe, ayenqula *izithixo, nangona uNdikhoyo wayethe: “Ze ningayenzi into enjalo.”