2 Yookumkani 18:21-27 XHO96

21 Jonga, ndiyazi ukuba uthembele ngeJiputa. Xa ingubani yona, umsimelelo ofana nengcongolo entlekekileyo, ojika uhlabe izandla zomntu osimelela ngawo, umtsho abe namanxeba. Ewe, unjalo ukumkani waseJiputa; ubenjenjalo bonke abakholosa ngaye.

22 Mhlawumbi ke uthi: “Hayi, thina sikholose ngoNdikhoyo uThixo wethu.” Kanene lowo asingulo uHezekiya amdilizele iindawo eziphakamileyo zonqulo, wabhangisa namaqonga amadini akhe, esithi kuJuda neJerusalem: “Yizani kunqula kwiqonga eliseJerusalem”?

23 “ ‘Hayi bo! Yiza kaloku, ukhe unqophisane nenkosi yam, umhlekazi ukumkani waseAsiriya. Ndokunika amawaka amabini amahashe ukuba unganabo abakhweli.

24 Kuxa ungubani wena? Akunakuthelekiswa nalo nebhetye-bhetye kumajoni aseAsiriya, noba ungade ukholose ngeenqwelo namahashe aseJiputa.

25 Kakade ke, uthi ndifane ndeza kuhlasela ukuze nditshabalalise ndibhuqe konke apha ndingayalelwanga nguNdikhoyo? Hayi, nguNdikhoyo ngokwakhe othe mandingene apha, ndilitshabalalise eli lizwe!’ ”

26 Kwesi sithuba ke uEliyakim unyana kaHilekiya, noShebhena, noJowa, babhekisa apho kwingqwayi-ngqwayi engumbhexeshi, bathi: “Khawuncede ukhumshe isiAram, mhlekazi; izicaka zakho ezi ziyasiqonda. Musa ukuthetha nathi ngesiHebhere, hleze kuve naba bantu baseludongeni.”

27 Kambe ke loo ngqwayi-ngqwayi yaphendula yathi: “Yini le, nicinga ukuba la mazwi inkosi yam iwabhekisa enkosini yenu nakuni kuphela? Nithi ayiwabhekisi nakwaba bantu bahleli kolu donga? Andithi kaloku nabo kwanjengani baza kutya ilindle labo, basele umchamo wabo!”