1 Ke kaloku wathi akuziva ezi ndaba ukumkani uHezekiya, suka wakhathazeka, wazikrazula izambatho zakhe, wanxiba ezirhwexayo zokuzila, waya kungena endlwini *kaNdikhoyo.
2 Wathuma uEliyakim umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala, kunye nababingeleli abaphambili, bonke benxibe ezirhwexayo, wathi mabaye *kumshumayeli uIsaya unyana ka-Amozi.
3 Baya, bafika bathi: “UHezekiya uthi: ‘Lo ngumhla wenkxwaleko, impoxo, nehlazo. Sifana nomfazi ofikelwe lixesha lakhe lokuzala, kodwa engenawo amandla okujongana naloo meko.
4 Makube uNdikhoyo uThixo wakho uwevile onke amazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi leya ibithunywe yinkosi yayo ukumkani waseAsiriya ukuze ize kuphoxisa ngoThixo ophilayo. Ngamana yakhalinyelwa ngenxa yamazwi aweve ngokwakhe *uNdikhoyo uThixo wakho. Ngoko ke nceda uthandazele amasalela asindileyo.’ ”
5 Athe akufika kuIsaya loo maphakathi kakumkani uHezekiya,
6 uIsaya wathi kuwo: “Yixeleleni inkosi yenu ukuba uNdikhoyo uthi: ‘Musa ukuxhalaba yiloo nto uyivileyo – loo mazwi athethwe liphakathi lokumkani waseAsiriya lindithuka.
7 Uyabona ke, mna ndiza kumfaka umoya wokuba athi akuva umingi-mingi lodaba oluthile, asuke abuyele kwelakowabo. Khona apho ke ndiya kwenza ukuba abulawe ngekrele.’ ”