17 Sivile, Ndikhoyo, ukuba ookumkani baseAsiriya bazibhuqa bazitshabalalisa ezi zizwe kunye nemihlaba yazo.
18 Oothixo bazo wabafaka emlilweni, wabatshabalalisa; kuba kakade babengethixo, koko yimifanekiso eqingqwe zizandla zabantu ngomthi nangelitye.
19 Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wethu, khawusihlangule kulo mfo, khon' ukuze zonke izikumkani zehlabathi ziqonde ukuba nguwe wedwa, Ndikhoyo, onguThixo.”
20 Ke uIsaya unyana ka-Amozi wathumela umyalezo kuHezekiya, esithi: “*UNdikhoyo uThixo kaSirayeli uthi: ‘Ndiwuvile umthandazo wakho mayela nokumkani waseAsiriya uSenakeribhe.’
21 Mayela naye ke uNdikhoyo uthi:“ ‘Okokwakho, wena Senakeribhe,isixeko iZiyon siyakugcolodela;isixeko iZiyon sihlekisa ngawe.Ewe, iJerusalem ihlunguzel' intlokoxa ikubona wena uswantsula.
22 Ngubani lo umngcikiva ngezinyeliso ezinje?Uba uthetha nabani ukhwaza nje?Ngubani lo umjonge ungenambeko?Lowo ke nguYedwa kaSirayeli!
23 Wena uthumele izigidimi,uNdikhoyo wamfumba ngezithuko;kaloku ugcolode wathi:“Mna ndinenyambalala yeenqwelo;ngazo ndiqabel' iintab' eziphakamileyo,loo malenga-lenga aseLebhanon.Ndiyigawule imisedare yayo emidenaloo mipayini yayo ingayiwayo.De ndafikelela nasekudeni,nditsho esitsikolweni sehlathi.