3 “Khumbula kaloku, Ndikhoyo, ukuba oko ndakunqulayo ndikukhonza ngentembeko nokunyaniseka, ndaba soloko ndihamba ngokomyalelo wakho.” Suka ke wangqukruleka kabuhlungu.
4 Uthe ke uIsaya engekaphumi kwindlu ephakathi, labe ilizwi likaNdikhoyo selifikile kuye. Lalisithi:
5 “Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo.
6 Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho. Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela ngenxa yesidima segama lam nangenxa yesicaka sam uDavide.’ ”
7 UIsaya uqhube wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane.” Ngenene ke balibekela ithumba elo, waza ke waphila.
8 UHezekiya wabuza kuIsaya wathi: “Woba yintoni na umqondiso wokuba uNdikhoyo uya kundiphilisa ndize ndibe nako ukuya endlwini kaNdikhoyo ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku?”
9 UIsaya wathi: “Nanku ke umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe. Ùthi isithunzi masiye phambili ishumi leenyawo okanye sibuye umva ishumi leenyawo?”