1 Ngexesha lolawulo lukaJoyakim, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli walihlasela elakwaJuda, waza uJoyakim waba phantsi kwakhe iminyaka emithathu. Phofu ke uJoyakim wabuya wamvukela uNebhukadenezare lowo.
2 Kambe ke *uNdikhoyo wamthumelela ngeentshaba ezamhlaselayo, ingamaKaledi, nama-Aram, namaMowabhi, nama-Amon. Ezo ntshaba zazikho ukuze zimtshabalalise uJuda, ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa zizicaka zakhe *abashumayeli.
3 Ewe, ezi zinto uJuda zamhlela ngokomyalelo kaNdikhoyo, ukuze amgxothe phambi kwakhe ngenxa yezono nazo zonke izenzo ezazenziwe nguManase,
4 ndawonye nelo gazi limsulwa waliphalazayo. Kaloku iJerusalem wayizalisa ngegazi labamsulwa, ngoko ke uNdikhoyo wayengazimiselanga ukumxolela.
5 Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaJoyakim, kunye nemisebenzi yakhe nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.