14 Xa iyonke iJerusalem wayithimba: onke amaphakathi namadoda omkhosi, iingcibi namagcisa, bebonke yayilishumi lamawaka. Kuphela kwasala abona bantu bangamahlwempu kwaJuda.
15 UNebhukadenezare wathimba uJoyakin waya naye eBhabheli. Kananjalo wafudusela apho eBhabheli unina kakumkani, nabafazi bakakumkani, namagosa akhe, kunye namadoda aphambili elizweni.
16 Waya nawo eBhabheli wonke umkhosi – amawaka asixhenxe amadoda, nditsho amagorha, izinto ezilindele umayenzeke – kunye newaka leengcibi namagcisa.
17 Ke ukumkani waseBhabheli wamisela uMataniya uyisekazi kaJoyakin wangukumkani esikhundleni sikaJoyakin. Igama lakhe elo lona walijika wathi nguZedekiya.
18 Ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani uZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya waseLibhena.
19 KwanjengoJoyakim naye wenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo.
20 Kungenxa yengqumbo kaNdikhoyo ukuba uJuda neJerusalem bahlelwe yile ntlekele, bade ekugqibeleni ke bagxothwa phambi kwakhe.UZedekiya wavukelana nokumkani waseBhabheli.