10 Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe walungenela waludiliza lonke udonga olwalujikeleze iJerusalem.
11 UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abantu ababesekhona apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nâbo babesebewelele ngakumaBhabheli.
12 Kambe ke ingqwayi-ngqwayi leyo yabashiya abantu abahleleleke kakhulu, ukuze basebenze amasimi nezidiliya.
13 AmaBhabheli azaphula iintsika zobhedu kwakunye neenqwelo, nechibi lobhedu, zinto ezo zazisendlwini kaNdikhoyo, aza aluthatha lona ubhedu olo, aya nalo eBhabheli.
14 Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo.
15 Ewe, ingqwayi-ngqwayi leyo yazithatha neepani zesiqhumiso, kunye nezitya zokufefa, nayo yonke into eyayenziwe ngegolide okanye isiliva.
16 Ubhedu olwafumaneka kwezo ntsika zimbini, kwelo chibi, nakwezo nqwelo – zinto ezo ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo nguSolomon – lwalungenamlinganiso ngenxa yobuninzi.