5 Ke ukumkani wakwa-Aram wathi: “Kulungile, ungaya; ndokuphathisa neleta eya kukumkani wakwaSirayeli.” Wanduluka ke ngoko uNahaman ephethe amashumi amathathu amawaka esiliva, nesithandatu samawaka egolide, kunye neshumi lezambatho zokutshintsha ezenziwe ngelaphu elihle kunene.
6 Loo leta wayisayo kukumkani wakwaSirayeli yayisithi: “Le leta ipheleka iphakathi lam uNahaman, endimthumela kuwe, khon' ukuze umnyange kwelo qhenqa lakhe.”
7 Uthe ke asakuyifunda loo leta ukumkani wakwaSirayeli, suka wazikrazula izambatho zakhe esithi: “Ngaba ndinguThixo ngoku? Ndingabulala kakade, okanye ndiphilise? Ngani ke ukuba lo mfo andithumelele umntu ekufuneka anyangwe iqhenqa? Kucacile ukuba lo mfo uzama ukuqhwaya udushe!”
8 Ke uElisha umfo wakwaThixo uthe akuva ukuba ukumkani wakwaSirayeli uzikrazule izambatho zakhe, wathumela kuye esithi: “Ngani ukuba ude ukrazule izambatho zakho? Loo mntu mthumele apha kum; uya kutsho aqonde ukuba ukho umshumayeli kwaSirayeli.”
9 Ngoko ke uNahaman wahamba naloo mahashe, nezo nqwelo zakhe, waya kuma esangweni kwamshumayeli uElisha.
10 UElisha wamthumelela isigidimi esithi: “Yiya emlanjeni iJordan, uhlambe kasixhenxe. Ulusu lwakho lobuyela kwimo yalo yangaphambili, uhlambuluke.”
11 Kambe ke uNahaman wemka apho egqusha ngumsindo, esithi: “Mna bendicinga ukuba lo mfo uya kuphuma eze kum, akhe eme anqule igama likaNdikhoyo uThixo wakhe, futhi akhe awangawangise nangesandla kule ndawo, ukuze ke ndinyangeke.