17 Ke ukumkani wamisa elaa phakathi wayethembele ngalo, lajongana nesango. Kambe ke abantu balixovula ngenyawo apho esangweni, laza lafa ngokomlomo womfo wakwaThixo, xa wayethetha nokumkani ngokuya wayeze endlwini yakhe.
18 Kwenzeke kanye ngokokuthetha komfo wakwaThixo xa wayethetha nokumkani esithi: “Malunga neli xesha ngomso esangweni leSamariya iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa noba ziikhilogram ezintandathu zerhasi zothengiswa ngesiliva enye kuphela.”
19 Iphakathi elo ke lalithe apho kuloo mfo wakwaThixo: “Noba uNdikhoyo ebengade enze iifestile ezulwini ibingenakuze yenzeke into enjalo.” Umfo wakwaThixo yena wayethe: “Le nto ndiyithethayo ke uya kuyibona ngala wakho amehlo, kambe ke kona ukutya soze ukufake kuloo mlomo wakho.”
20 Loo nto ke yile kanye yalihlelayo elo phakathi; kaloku abantu balinyhasha ngeenyawo esangweni apho lada lafa.