5 Uthe ke uGehazi esachubela ukumkani indlela uElisha awayebaphilisa ngayo nabafileyo, suka umfazi lowo waphiliselwa unyana wakhe nguElisha, wangena, eze kucela indlu nentsimi yakhe kukumkani kwelo lakowabo.UGehazi ke wathi: “Tyhini, nanku loo mfazi, mhlekazi kumkani! Naloo nyana wakhe wavuswa efile nguElisha, nguye lo.”
6 Ukumkani ke walanda loo ngcombolo apho kuye, waza ke wamchazela.Ngoko ke ukumkani wamnikezela kwesinye isicaka, wathi kuso: “Nika lo mfazi yonke into eyeyakhe, ndawonye nengeniso yomhlaba wakhe ukusukela kumhla walishiya eli lizwe kude kube namhlanje.”
7 UElisha ke waya eDamasko, wafika uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram egula. Uthe ke ukumkani lowo akuva kusithiwa: “Umfo wakwaThixo nanko efika apho,”
8 wathetha noHazayeli wathi: “Thatha isipho, uhambe uhlangabeze lo mfo wakwaThixo, uze ubuzise ngaye kuNdikhoyo ukuba ngaba ndiza kuphila na.”
9 UHazayeli ke wahamba, waya kuhlangabeza uElisha, emphathele zonke iindidi zemveliso yaseDamasko, zingumthwalo okwiinkamela ezimashumi mane. Waya kuma phambi kwakhe, wathi: “Unyana wakho uBhenadadi ukumkani wakwa-Aram undithume ukuba ndize kubuza ukuba ngaba wophila na kwisifo esimbambileyo!”
10 UElisha uphendule wathi: “Yiya kumxelela ukuba nakanjani na uza kuphila. Ewe kambe, *uNdikhoyo undityhilele ukuba uza kufa.”
11 Wathi ntsho ngamehlo, wada ke uHazayeli waziva eneentloni. Umfo wakwaThixo ke wathi chapha-chapha iinyembezi.