1 *Umshumayeli uElisha wabiza omnye weqela labashumayeli, wathi kuye: “Finyeza iingubo zakho, uthathe eli qhaga linamafutha omnquma, uye eRamoti yaseGiliyadi.
2 Wakufika khona uze ukhangele uYehu unyana kaYoshafati unyana kaNimshi. Uze umthathe umke naye koogxa bakhe, ningene kwelona gumbi likude ngaphakathi.
3 Nakuba nilapho ke uze uthathe eli qhaga lamafutha omnquma, umthambise umgalele ngawo entloko, uthi: ‘Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ Wakugqiba ke, vula umnyango, ubaleke umke ngokukhawuleza.”
4 Ngoko ke loo mfana ungumshumayeli waya eRamoti yaseGiliyadi.