28 Amaphakathi akhe amthatha ngenqwelo, amsa eJerusalem, aza amngcwaba phakathi kooyise kwingcwaba elikwisixeko sikaDavide.
29 UAhaziya lo waqala ukuba ngukumkani wakwaJuda kunyaka weshumi elinanye elawula uYoram unyana ka-Ahabhi.
30 UYehu waya eYizereli. Akuyiva loo nto ke uJezebhele wahombisa amehlo akhe, walungisa neenwele zakhe, waza wakroba ngefestile.
31 Xa angena esangweni uYehu, uJezebhele wabuza wathi: “Zimri, ngaba uza ngoxolo kodwa, ntondini egebenge inkosi yayo?”
32 Wajonga efestileni ephakamileyo leyo uYehu, wathi: “Ngubani ongakum? Ngubani?” Izicaka ezibini okanye ezithathu zajonga kuye ezantsi,
33 uYehu wathi: “Mphoseni apha!” Zaza ke zamphosa uJezebhele, igazi lakhe lachaphazela olo donga ndawonye naloo mahashe, waza wamnyathelisa ngawo.
34 Ke uYehu wangena endlwini, wafika watya wasela, waza wathi: “Nosenimjonga laa mfazi uqalekisiweyo, nize nimngcwabe, kuba kaloku yintombi yokumkani.”