17 Impahla ethe yathontsizelwa yangcola, nokuba yeyesikhumba, kufuneka ihlanjwe, yaye yohlala inomlaza kude kutshone ilanga.
18 Xa indoda nomfazi bethe bahlangana, kufuneka bahlambe umzimba emva koko, yaye boba nomlaza kude kutshone ilanga.
19 Umntu obhinqileyo xa athe waba sexesheni uba nomlaza iintsuku ezisixhenxe; umntu othi amchukumise naye uyasuleleka de kutshone ilanga.
20 Nantoni na athi ahlale okanye alale phezu kwayo lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza.
21-23 Umntu ochukumisa umandlalo waloo mfazi, okanye into athe wahlala phezu kwayo, uyasuleleka ngumlaza kude kutshone ilanga, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba.
24 Xa kukho indoda ethe yahlangana naye lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza. Yoba nawo de kube ziintsuku ezisixhenxe; yaye nomandlalo ethi ingqengqe kuwo uba nomlaza nawo.
25 Xa kukho umntu obhinqileyo ohlambayo naxa engekho exesheni lokwenza loo nto, okanye ohlamba naxa seligqithile ixesha lakhe, uba nomlaza ngaye wonke lo gama asahlambayo, kanye njengoko kuba njalo xa esexesheni.