20 Nantoni na athi ahlale okanye alale phezu kwayo lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza.
21-23 Umntu ochukumisa umandlalo waloo mfazi, okanye into athe wahlala phezu kwayo, uyasuleleka ngumlaza kude kutshone ilanga, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba.
24 Xa kukho indoda ethe yahlangana naye lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza. Yoba nawo de kube ziintsuku ezisixhenxe; yaye nomandlalo ethi ingqengqe kuwo uba nomlaza nawo.
25 Xa kukho umntu obhinqileyo ohlambayo naxa engekho exesheni lokwenza loo nto, okanye ohlamba naxa seligqithile ixesha lakhe, uba nomlaza ngaye wonke lo gama asahlambayo, kanye njengoko kuba njalo xa esexesheni.
26 Ngalo lonke ke elo xesha umandlalo alala kuwo, kwanento athi ahlale kuyo, iba nomlaza.
27 Umntu othi achukumise ezo zinto uyasuleleka, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe kwakunye nomzimba. Uba nomlaza de kutshone ilanga.
28 Akupheza ukuhlamba kufuneka loo mfazi alinde iintsuku zibe sixhenxe, aze ke ahlambuluke.