18 Elinye igazi wolityikila kwiimpondo ezikwiikona zeqonga lesiqhumiso elingaphakathi kwegumbi eliyingcwele, aze aliphalaze eliseleyo emazantsi eqonga lamadini atshiswayo elingasekungeneni kwesibingelelo.
19 Uya kwandula ke asuse onke amanqatha, awatshise eqongeni apho.
20 Ngale nkomo uya kwenza kanye ngalaa ndlela adla ngokwenza ngayo ngenkomo yedini lokungxengxezela izono. Yiyo ke le indlela umbingeleli enza ngayo idini lokucamagushela izono zabantu, yaye bozixolelwa.
21 Andule ke ukuyikhuphela ngaphandle kwelali loo nyama, aye kuyitshisa kanye ngalaa ndlela atshisa ngayo eyokucamagushela ezakhe izono. Lilo ke elo idini lokucamagushela ibandla.
22 Xa kone umntu oyinkokheli, aphule ummiselo kaNdikhoyo uThixo engaqondanga,
23 kuya kuthi nje ukuba ayiqonde into ayenzileyo, kufuneke eze nenkunzi yebhokhwe engenasiphako.
24 Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele phambi koNdikhoyo kuloo ndawo kwenzelwa kuyo amadini atshisayo. Eli lidini lokucamagushela isono.