23 kuya kuthi nje ukuba ayiqonde into ayenzileyo, kufuneke eze nenkunzi yebhokhwe engenasiphako.
24 Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele phambi koNdikhoyo kuloo ndawo kwenzelwa kuyo amadini atshisayo. Eli lidini lokucamagushela isono.
25 Umbingeleli wofaka umnwe egazini lebhokhwe leyo, alityikile kwiimpondo ezisezikoneni zeqonga, aze eliseleyo aliphalaze emazantsi eqonga,
26 aze awatshisele apho eqongeni onke amanqatha, kanye njengoko esenza ngawamadini obudlelane. Wokwenjenjalo ke umbingeleli ukunikela idini lokucamagushela umntu oyinkokheli, aze axolelwe isono sakhe.
27 Xa kone umntu nje, abe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo engaqondanga,
28 kuya kuthi nje ukuba asiqonde isono sakhe, kufuneke eze nemazi yebhokhwe engenasiphako, ukuze angxengxezele isono sakhe.
29 Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo.