26 aze awatshisele apho eqongeni onke amanqatha, kanye njengoko esenza ngawamadini obudlelane. Wokwenjenjalo ke umbingeleli ukunikela idini lokucamagushela umntu oyinkokheli, aze axolelwe isono sakhe.
27 Xa kone umntu nje, abe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo engaqondanga,
28 kuya kuthi nje ukuba asiqonde isono sakhe, kufuneke eze nemazi yebhokhwe engenasiphako, ukuze angxengxezele isono sakhe.
29 Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo.
30 Umbingeleli wothi nkxu umnwe wakhe egazini layo, alityikile kwiimpondo ezikwiikona zeqonga, aze elinye aliphalaze emazantsi eqonga apho,
31 andule ke athathe onke amanqatha, kanye ngalaa ndlela enza ngayo kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni, abe livumba elimnandi kuNdikhoyo. Wenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela umntu idini, aze axolelwe izono zakhe.
32 Ukuba kukho umntu ozisa igusha ukuza kwenza idini, mayibe yimazi engenasiphako.