1 Xa umntu ebizwe yinkundla ukuba anike ubungqina, aze anganiki nkcazelo ngento ayibonileyo nayivileyo, unetyala.
2 Xa umntu echukumise *into engàphathwayo, enjengesilo esifileyo, udyobhekile, unetyala, nokuba akaqondi. Ingasisilwanyana sasendle esingatyiwayo, nokuba yimfuyo engatyiwayo, okanye sisilwanyana esirhubuluzayo.
3 Xa umntu echukumise into engàphathwayo ephuma komnye umntu, loo mntu naye udyobhekile, unetyala nokuba akaqondi.
4 Xa umntu efumana afunge engacinganga, nokuba ufungela nantoni na, unetyala nokuba akaqondi.