1 Kubhala mna Pawulos ndibizwe *ndangumthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo. Ndibhala ndikunye noSosteno uwethu.
2 Ndibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abakhethwe ngokumanywa noKrestu Yesu, bebizelwe ukuba yimilowo yakwaThixo ndawonye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Krestu, oyiNkosi yabo kwaneyethu.
3 Kuni ke ndithi: Makube sisisa, kube luxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
4 Ndihlala ndimbulela ngani uThixo wam ngenxa yesisa anibabale ngaso ngokunimanya noYesu Krestu.
5 Kaloku, nimanyene noKrestu nje, ninendyebo ngezinto zonke, ekuthetheni nasekwazini ngokupheleleyo.