15 Ndithetha nani njengabantu bengqiqo, ngoko ke yicaluleni ngokwenu le nto ndiyithethayo kuni.
16 Xa sidumisa uThixo ngokuthatha indebe engumqondiso weentsikelelo zakhe, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kwigazi likaKrestu? Khona xa siqhekeza isonka, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kumzimba kaKrestu?
17 Kuba kaloku sinye qha isonka; nathi nangona sibaninzi nje, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.
18 Khanikhe nicinge ngenkqubo yamaJuda. Abo balityayo idini baba nodlelwano noThixo, lo lenzelwa yena eqongeni lamadini.
19 Ngaba ke ndithetha ukuthini? Ngaba ndithi makube kukho nto siyiyo isithixo? Okanye makube ndithi idini elenzelwa sona liba yinto enexabiso?
20 Hayi, anditsho. Ndithi amadini enziwa ziintlanga akenzelwa Thixo, enzelwa iindimoni. Yaye andifuni nibe nanxaxheba neendimoni.
21 Aninako ukusela indebe yeNkosi, niphinde nisele eyeendimoni, ningenakuthatha nxaxheba esithebeni seNkosi, ze niphinde nibe nenxaxheba nakweseendimoni.