21 Aninako ukusela indebe yeNkosi, niphinde nisele eyeendimoni, ningenakuthatha nxaxheba esithebeni seNkosi, ze niphinde nibe nenxaxheba nakweseendimoni.
22 Makube sifuna iNkosi ikhwelete? Sinamandla thina kunayo kakade?
23 “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke.
24 Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.
25 Ningatya nantoni na eniyithenge esilarheni, ningazidubanga ngakuziphengulula sazela ngemibuzo,
26 kuba, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Ihlabathi leleNkosi nako konke okukulo.”
27 Ukuba nimenywa ngumntu ongelokholwa, nize isimemo eso nisamkele, yityani into ebekwe phambi kwenu, ningazidubi ngokuphengulula isazela ngemibuzo.