25 Ningatya nantoni na eniyithenge esilarheni, ningazidubanga ngakuziphengulula sazela ngemibuzo,
26 kuba, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Ihlabathi leleNkosi nako konke okukulo.”
27 Ukuba nimenywa ngumntu ongelokholwa, nize isimemo eso nisamkele, yityani into ebekwe phambi kwenu, ningazidubi ngokuphengulula isazela ngemibuzo.
28 Kodwa ukuba kukho onithele thsuphe ukuba nitya ukutya kwedini, musani ukukutya ke oko kutya, ngenxa yalowo unixeleleyo, nangenxa yesazela.
29 Anditsho esenu, ndixela esakhe. “Ke, ingathini inkululeko endinayo yokuzikhethela into emandiyenze ukulawulwa sisazela somnye umntu?” Ubani angabuza atsho,
30 aqhube ngelithi: “Ukuba ndiyambulela uThixo ngesabelo sam esidlweni, ndisagxekelwani ngokutya endimbulela ngako uThixo?”
31 Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo.