11 Kanti ke akukho namnye ungaxhomekekanga komnye kwabo badlelana noKrestu; indoda ixhomekeke emfazini, nomfazi endodeni.
12 Nanjengokuba kaloku umfazi wathathwa endodeni, ngokunjalo ke nendoda izalwa ngumfazi, yaye ke bobabini bavela kuThixo owadala zonke izinto.
13 Zahluleleni ngokwenu ke! Kufanelekile na ukuba umntu obhinqileyo athandaze enkonzweni engathwele nto entloko?
14 Indalo ngokwayo yalatha ukuba zilihlazo endodeni iinwele ezinde;
15 kodwa zilibhongo lomntu obhinqileyo. Kaloku wazinikwa iinwele ezinde ukuze zimgqume.
16 Kodwa ke ukuba kukho ofuna ukuwuphika lo mbandela, ndingasuka ndithi, mna kwanalo ibandla likaThixo, akukho siko limbi sinalo thina enkonzweni.
17 Nantsi indawo endingenakunincoma ngayo: ezintlanganisweni zenu anihlanganeli kwakhana, koko nisuka none.