27 Ngoko ke lowo usityayo esi sonka, ayisele indebe yeNkosi, engafanelekanga, woba netyala ngomzimba negazi leNkosi.
28 Makazicikide ke ngoko ngokwakhe umntu, aze ke asitye isonka eso, ayisele nendebe leyo;
29 kuba lowo utyayo asele, uzityela aziselele umgwebo ukuba akawuphicothi ngokufanelekileyo umzimba weNkosi.
30 Lo ngunobangela wokuba babe baninzi phakathi kwenu ababuthathaka nabayimilwelwe, ngokunjalo nasebefile.
31 Ukuba besizicikida ngeba asigwetywa;
32 kodwa ke sisohlwaywa nje, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singagwetywa kunye nehlabathi.
33 Ngoko ke, mawethu, xa nihlangana esidlweni seNkosi lindanani.