4 Ngoko ke indoda ethandazayo okanye eshumayelayo enkonzweni ithwele into entloko, iyamhlaza uKrestu.
5 Kwaye nawuphi na umfazi othandazayo okanye oshumayelayo enkonzweni, engathwele nto entloko, uyayihlaza indoda yakhe; loo mfazi akahluke nganto kumfazi onenkqayi!
6 Ukuba akathwali nto, makasuke agugule intloko kube kanye. Njengoko kulihlazo ukuba umntu obhinqileyo achetywe okanye abe nenkqayi, umfazi ke makathwale.
7 Akukho mfuneko yokuba ithwale indoda, kuba ibonakalisa umfanekiso nesidima sikaThixo. Umfazi ke liqhayiya lendoda yakhe.
8 Kaloku asiyondoda eyathathwa emfazini, ngumfazi owathathwa endodeni ukudalwa kwakhe.
9 Asiyondoda eyadalwa ngenxa yomfazi, ngumfazi owadalwa ngenxa yendoda.
10 Ngoko ke, ngenxa yokuhlonela imilowo yakwaThixo umfazi makathwale.