17 Ukuba ke wonke umzimba ubuliliso ngesisiva njani? Khona ukuba ubuyindlebe wonke, ngesijoja njani?
18 Kodwa ke uThixo udale amalungu ahlukeneyo emzimbeni ngokuthanda kwakhe.
19 Ukuba amalungu onke ebelilungu elinye qha, ibingàyi kuba ngumzimba loo nto.
20 Kambe ke inje le nto: nakuba amalungu emaninzi nje, umzimba wona mnye.
21 Ngoko ke iliso alinakuthi esandleni: “Andikufuni nganto;” ingenakutsho nentloko ezinyaweni ukuthi: “Andinifuni nganto.”
22 Kusuka kuthi awona malungu angathi abuthathaka, ibe ngawona kanye singenakwenza nto engekho;
23 aze wona loo malungu angawona adelekileyo, ibe ngawo kanye esiwambathisa ngokunonelela; aze amalungu ahlonitshwayo ibe ngawona acoselelwayo ukunakekelwa,