1 Ngoko ke langazelelani uthando, ningaziyeki phofu nezinye izipho zoMoya, ingakumbi isiphiwo sokushumayela.
2 Yena othetha ngeelwimi, uthetha noThixo, akabhekisi mntwini, kuba akukho bani uyiqondayo le nto ayithethayo. Kaloku ngamandla kaMoya oyiNgcwele uthetha izinto ezibanqabeleyo abantu.
3 Kodwa yena oshumayelayo uthetha nabantu; uyabakha, uyabakhuthaza ebathuthuzela.
4 Lowo uthetha ngeelwimi, uzakha yena siqu; kodwa yena oshumayelayo wakha ibandla liphela.
5 Bendingathandayo ukuba nithethe iilwimi xa ninonke, kodwa eyona nto ingaphezulu kukuba nibe nesiphiwo sokushumayela nonke. Lowo ushumayelayo ungaphezulu kwalowo uthetha ngeelwimi, ngaphandle kokuba lowo uthetha ngeelwimi uyatolikelwa, ukuze kwakheke ibandla liphela.
6 Mawethu, kunganinceda ntoni ukuba ndithi xa ndifikile apho kuni ndithethe ngeelwimi? Nento le – ngaphandle kokuba ndiniphathele isityhilelo esivela kuThixo, ulwazi oluthile, okanye udaba olunefuthe likaMoya, kungenjalo imfundiso.