23 Xa lihlangene ke ibandla, waza ulowo nalowo wasuka wathetha iilwimi, kwaza kwathi kusenjalo kwafika abanye abangayiqondiyo le nto okanye abangengomakholwa, abayi kuthi niphambene?
24 Kodwa ukuba niyashumayela nonke, kuze kufike umntu nje ozihambelayo okanye umntu ongelokholwa, loo mntu uya kuziva echukumiseka ngenxa yelizwi alivayo. Onke amazwi awevayo aya kumgweba,
25 ziphengululwe iingcinga zakhe ezifihlakeleyo, agobe amadolo amnqule uThixo, evuma ukuba ngenene uThixo ukho phakathi kwenu.
26 Lilonke ke, mawethu, ndithi: Ukuba nihlangene ngeenjongo zokunqula, yiphanani inxaxheba; omnye makathathe iculo, omnye imfundiso, wumbi avakalise isityhilelo esivela kuThixo, aze omnye ashumayele ngeelwimi, ngokunjalo ke omnye makatolike loo nto ithethwayo. Yonke into eniyenzayo mayilakhe ibandla.
27 Ukuba nithetha ngeelwimi mababe babini okanye bangagqithi esithathwini abathethayo; nalapho ke makuthethe abe mnye ngexesha, aze ke omnye abatolikele.
28 Kodwa ke, ukuba akukho bani ungatolikayo, lowo ubethanda ukuthetha ngeelwimi ebhekisa ebandleni makaseyeka, azithethele noThixo ngaphakathi.
29 Ababini nabathathu bangashumayela, abanye ke bona betyise loo nto ithethwayo.