25 ziphengululwe iingcinga zakhe ezifihlakeleyo, agobe amadolo amnqule uThixo, evuma ukuba ngenene uThixo ukho phakathi kwenu.
26 Lilonke ke, mawethu, ndithi: Ukuba nihlangene ngeenjongo zokunqula, yiphanani inxaxheba; omnye makathathe iculo, omnye imfundiso, wumbi avakalise isityhilelo esivela kuThixo, aze omnye ashumayele ngeelwimi, ngokunjalo ke omnye makatolike loo nto ithethwayo. Yonke into eniyenzayo mayilakhe ibandla.
27 Ukuba nithetha ngeelwimi mababe babini okanye bangagqithi esithathwini abathethayo; nalapho ke makuthethe abe mnye ngexesha, aze ke omnye abatolikele.
28 Kodwa ke, ukuba akukho bani ungatolikayo, lowo ubethanda ukuthetha ngeelwimi ebhekisa ebandleni makaseyeka, azithethele noThixo ngaphakathi.
29 Ababini nabathathu bangashumayela, abanye ke bona betyise loo nto ithethwayo.
30 Kodwa ukuba omnye kwabahleli phantsi uziva enodaba angaluthethayo, lo umileyo makahlale phantsi.
31 Kaloku kungcono ninikane izithuba xa nishumayelayo, ukuze xa lilonke ibandla lifumane imfundiso nenkuthazo.