28 Kodwa ke, ukuba akukho bani ungatolikayo, lowo ubethanda ukuthetha ngeelwimi ebhekisa ebandleni makaseyeka, azithethele noThixo ngaphakathi.
29 Ababini nabathathu bangashumayela, abanye ke bona betyise loo nto ithethwayo.
30 Kodwa ukuba omnye kwabahleli phantsi uziva enodaba angaluthethayo, lo umileyo makahlale phantsi.
31 Kaloku kungcono ninikane izithuba xa nishumayelayo, ukuze xa lilonke ibandla lifumane imfundiso nenkuthazo.
32 Lowo ushumayelayo makazibambe, hleze ifuthe analo liyone intshumayelo,
33 kuba uThixo lo ngowenzolo, akangowombhodamo.Njengakuwo onke amabandla abantu bakaThixo,
34 amakhosikazi makazole ezintlanganisweni. Akuvumelekanga ukuba ashumayele. Ngoko ke makalulamele umyalelo womthetho.