33 kuba uThixo lo ngowenzolo, akangowombhodamo.Njengakuwo onke amabandla abantu bakaThixo,
34 amakhosikazi makazole ezintlanganisweni. Akuvumelekanga ukuba ashumayele. Ngoko ke makalulamele umyalelo womthetho.
35 Ukuba kukho into afuna ukuyiqonda makayibuze kubayeni bawo emakhaya. Kaloku ilihlazo into yokuba inkosikazi ithethe entlanganisweni yebandla.
36 Ngaba ke ilizwi likaThixo laqala kuni? Okanye ngaba nini kuphela abantu elifikeleleyo kubo ilizwi likaThixo?
37 Nabani na ozicingela ukuba ungumshumayeli okanye unesiphiwo soMoya, makaqonde ukuba le nto ndiyibhalayo inomnwe weNkosi.
38 Ukuba akayamkeli le mfundiso, naye akamkelwa nguThixo.
39 Ngoko ke, mawethu, kulangazeleleni ukushumayela, kodwa ningakuthinteli ukuthetha ngeelwimi.