1 Makenjenje ke umntu ukucinga ngathi, athi sizizicaka zikaKrestu, singamagosa eendaba zikaThixo ebezingaziwa.
2 Into elindelekileyo ke kumagosa kukuba ahlale ethembekile.
3 Ke mna andikunanze nganto ukuziphendulela kuni okanye enkundleni eyeyabantu. Ewe, nam andiziphicothi ngokwam.
4 Akukho nto ndinasazela ngayo, kodwa loo nto ayithethi kuthi ndimsulwa. Kaloku umgwebi wam yiNkosi.
5 Ngoko ke musani ukugweba mntu ngaphambi kwexesha lokufika kweNkosi. Yona iya kuzityhila izinto zobumnyama ezifihliweyo, ekufikeni kwayo, iziveze ekuhleni iingcinga zabantu. Wothi ke elowo nalowo awongwe nguThixo ngokumfaneleyo.