1 Ndiva kusithiwa kukho umbulo phakathi kwenu. Lowo ke ngumbulo onganyamezelekiyo naphakathi kweentlanga. Ndithetha lo wokuba umntu ahlalisane nomfazi kayise.
2 Ningathini ke ukuzidla? Benimelwe kukwenyela, nimsuse phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.
3 Mna ke, ndingekho nje okunene ngesiqu (kodwa ndikho ngomoya) sendide ndagqiba ngokungathi ndikho, malunga noyenzileyo loo nto.
4 Ndigqibe kwelithi xa nihlangene egameni leNkosi yethu uYesu Krestu, nam ndikho ngomoya, amandla eNkosi yethu uYesu Krestu esixhasa,
5 makanikelwe onjalo kuSathana, ukuze umzimba wakhe utshatyalaliswe, ngenjongo yokuba umoya wakhe ube nokusindiswa ngomhla womgwebo.
6 Hayi ukunyanyeka kweqhayiya lenu! Anisazi kakade isaci esithi: “Igwele elincinane libilisa intlama iphela”?