3 Mna ke, ndingekho nje okunene ngesiqu (kodwa ndikho ngomoya) sendide ndagqiba ngokungathi ndikho, malunga noyenzileyo loo nto.
4 Ndigqibe kwelithi xa nihlangene egameni leNkosi yethu uYesu Krestu, nam ndikho ngomoya, amandla eNkosi yethu uYesu Krestu esixhasa,
5 makanikelwe onjalo kuSathana, ukuze umzimba wakhe utshatyalaliswe, ngenjongo yokuba umoya wakhe ube nokusindiswa ngomhla womgwebo.
6 Hayi ukunyanyeka kweqhayiya lenu! Anisazi kakade isaci esithi: “Igwele elincinane libilisa intlama iphela”?
7 Likhupheni ngoko liphele tu igwele elidala elonakalisayo, ukuze nibe yintlama entsha. Kaloku niyintlama engenagwele, kuba *iPasika yethu seyilungisiwe, ethe nje uKrestu, ixhwane lethu lePasika, wenziwa idini.
8 Ngoko ke itheko lethu masingalityi ngasonka sinegwele elidala, elikukona nobubi, kodwa masilitye ngesonka esingenagwele, isonka sobunyulu nenyaniso.
9 Kwincwadi endanibhalela yona ndathi ze ningadibaniselani nabarheletyi.