1 Ngoku ke mandiphendule umbuzo wenu. Kulungile ukuba indoda ingabi nanto yakwenza nomntu obhinqileyo,
2 kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda.
3 Indoda mayimkholise umfazi wayo; nomfazi makenjenjalo endodeni yakhe.
4 Umfazi akanagunya kowakhe umzimba; yindoda enalo. Kwangokunjalo ke nendoda ayinagunya kowayo umzimba; ngumfazi onalo.
5 Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.
6 Xa nditshoyo ke ndiyanicebisa, andiwisi mthetho,
7 kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam lo. Kodwa ke elowo unesakhe isiphiwo ababalwe ngaso nguThixo. Omnye uba nesipho esithile, wumbi abe nesinye.