20 Elowo makahlale ekwimeko abizwe ekuyo nguThixo.
21 Wâbizwa ulikhoboka na? Mayingakukhathazi le nto, kodwa ukuba unokukhululeka, khululeka.
22 Kaloku lowo wabizwa yiNkosi elikhoboka, ngumkhululwa weNkosi. Ngokunjalo nalowo wabizwa yiNkosi engokhululekileyo, likhoboka likaKrestu.
23 UThixo wanithenga ngexabiso elikhulu; musani ke ukuba ngamakhoboka abantu.
24 Mawethu, elowo makahlale ekuloo meko wabizwa ekuyo.
25 Ngokubhekiselele ezintombini asinamyalelo sawunikwayo yiNkosi. Kodwa njengamntu owenzelwe inceba yiNkosi ndaza ndathembeka, ndibona ngolu hlobo:
26 Ngenxa yeengxaki ezikhoyo kule mihla, ndibona ukuba kulungile ukuba umntu ahlale njengoko anjalo.