21 Wâbizwa ulikhoboka na? Mayingakukhathazi le nto, kodwa ukuba unokukhululeka, khululeka.
22 Kaloku lowo wabizwa yiNkosi elikhoboka, ngumkhululwa weNkosi. Ngokunjalo nalowo wabizwa yiNkosi engokhululekileyo, likhoboka likaKrestu.
23 UThixo wanithenga ngexabiso elikhulu; musani ke ukuba ngamakhoboka abantu.
24 Mawethu, elowo makahlale ekuloo meko wabizwa ekuyo.
25 Ngokubhekiselele ezintombini asinamyalelo sawunikwayo yiNkosi. Kodwa njengamntu owenzelwe inceba yiNkosi ndaza ndathembeka, ndibona ngolu hlobo:
26 Ngenxa yeengxaki ezikhoyo kule mihla, ndibona ukuba kulungile ukuba umntu ahlale njengoko anjalo.
27 Ukuba unomfazi, musa ukufuna ukwahlukana naye; ukuba awunaye, musa ukuba samfuna umfazi.