30 abalilayo mababe njengabangaliliyo; abavuyayo mababe njengabangavuyiyo; abathengayo mababe njengabangenanto;
31 abasebenza ngezinto zeli hlabathi, mababe njengabangasebenziyo ngazo. Kaloku eli hlabathi aliyi kuhlala liyiloo nto liyiyo ngoku.
32 Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekanga ukhuthalele izinto zeNkosi, kuba ezimisele ukuyikholisa iNkosi.
33 Ozekileyo yena ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa umkakhe,
34 abe nengqondo ebetha-bethanayo. Umfazi ongenandoda nentombi bakhuthalele izinto zeNkosi, bezimisele ukuzinikela ngomzimba nangomoya. Owendileyo ke ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa indoda yakhe.
35 Le nto ndiyithetha ngeenjongo zokuba nilungelwe, ndingajonge kunirhintyela. Ndiyithethela ukuze niyikhonze kakuhle iNkosi ningaphazanyiswa.
36 Malunga nabathembiseneyo ke, ukuba umfana unexhala lokuba wode ayihlazise intombi, eziva etshiseka, eqonda ukuba kuyimfuneko ukuba batshate, mabatshate ke njengoko afunayo, kuba akukho sono kuloo nto.