5 Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.
6 Xa nditshoyo ke ndiyanicebisa, andiwisi mthetho,
7 kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam lo. Kodwa ke elowo unesakhe isiphiwo ababalwe ngaso nguThixo. Omnye uba nesipho esithile, wumbi abe nesinye.
8 Ke kwabangatshatanga nabahlolokazi ndithi kubalungele ukuba bahlale njengam.
9 Kodwa ke, ukuba abanakuzibamba, mabatshate, kuba kulungile ukutshata kunokutshiseka.
10 Ke kwabatshatileyo ndinomyalelo, ongenguwo owam, ongoweNkosi. Lo myalelo ke ngowokuba umfazi otshatileyo makangahlukani nendoda yakhe.
11 Kambe ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angatshati, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe. Indoda ke yona mayingamali umkayo.