7 Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.
8 Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.
9 Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
10 Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.
11 Masenjenjalo ke, sisazi nje ukuba eli selilixesha lokuba sivuke ebuthongweni. Kaloku usindiso lukufuphi kuthi ngoku kunasekuqaleni kwethu ukukholwa.
12 Ubusuku buhambile, sekuza kusa. Masahlukane ke ngoko nemisebenzi yobumnyama, sixhobe ngezikrweqe zokukhanya.
13 Masiziphathe ngokundileka njengabahamba emini, singabi sezindywaleni nasekunxileni, ekuhenyuzeni nasekurheletyeni, singabi namona nazinkani.