11 Kaloku uThixo akanamkhethe.
12 Bonke abonileyo bengekho phantsi *komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.
13 Kaloku abantu abalungileyo ngokukaThixo asingabo abo bawuva nje umthetho bangayenzi into oyithethayo. Ngabo bayenzayo into eyalelwa ngumthetho abangamalungisa.
14 Abantu abangengomaJuda àbanawo umthetho kaMosis; kodwa xa bathe ngokwemvelo bahamba ngokomthetho, bangumthetho ngokwabo, nangona bengenawo umthetho kaMosis.
15 Ukuziphatha kwabo kubonakalisa ukuba ngemvelo bayakwazi okusemthethweni. Nezazela zabo ziyakungqina oku, kuba ngamanye amaxa ziyabagweba, zize ngawambi zibagwebele.
16 Ngokweendaba ezimnandi endizishumayelayo kuya kuba njalo mhla uThixo aya kuzigweba ngoYesu Krestu nezinto abazifihlayo abantu.
17 Uyabona wena unegama lobuJuda, wayame *ngomthetho kaMosis; uqhayisa ngoThixo;