5 Ngenxa yokuba unentliziyo elukhuni, ungaguquki, uzibizela ingqumbo ngemini yengqumbo. Ngaloo mini iya kucaca indlela agweba ngayo uThixo.
6 Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.
7 UThixo ubavuza ngobomi obungonaphakade abo banomonde ekwenzeni imisebenzi emihle, belangazelela isidima newonga nokungafi.
8 Kanti ke uza ngomsindo nengqumbo kwabo banenkani, bayityeshelayo inyaniso ngokungalungisi.
9 Kuya kubakho imbandezelo nobunzima kubantu bonke abenza okubi, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.
10 Kuya kubakho isidima newonga noxolo kubantu bonke abenza okulungileyo, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.
11 Kaloku uThixo akanamkhethe.