8 Kanti ke uza ngomsindo nengqumbo kwabo banenkani, bayityeshelayo inyaniso ngokungalungisi.
9 Kuya kubakho imbandezelo nobunzima kubantu bonke abenza okubi, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.
10 Kuya kubakho isidima newonga noxolo kubantu bonke abenza okulungileyo, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.
11 Kaloku uThixo akanamkhethe.
12 Bonke abonileyo bengekho phantsi *komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.
13 Kaloku abantu abalungileyo ngokukaThixo asingabo abo bawuva nje umthetho bangayenzi into oyithethayo. Ngabo bayenzayo into eyalelwa ngumthetho abangamalungisa.
14 Abantu abangengomaJuda àbanawo umthetho kaMosis; kodwa xa bathe ngokwemvelo bahamba ngokomthetho, bangumthetho ngokwabo, nangona bengenawo umthetho kaMosis.