12 Ukwanguyise wabalukileyo abanganelanga kwaluka nje, kodwa abathe ngokukholwa kuThixo bahamba ekhondweni lika-Abraham, owakholwa engekaluki.
13 UThixo wathembisa uAbraham nenzala yakhe ukuba ihlabathi baya kulima. Esi sithembiso asenziwanga ngakuba ethe wathobela umthetho kaMosis, kodwa wathenjiswa ngenxa yokuba wakholwa, waza wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.
14 Kaloku ukuba ilifa lifunyanwa kuphela ngâbo bawuthobelayo umthetho, ukukholwa koba kwenziwe into engento, nesithembiso eso singaba sitshitshisiwe.
15 Ingqumbo kaThixo kaloku ibangwa kukwaphulwa komthetho wakhe; kodwa apho ungekhoyo umthetho akukho kwaphulwa kwamthetho.
16 Ngoko ke ilifa lifunyanwa ngokukholwa, oko kukuthi ngesisa. Ngale ndlela isithembiso simiselwe yonke inzala ka-Abraham. Le nzala ke asingabo nje abo bawugcinayo umthetho, kodwa ikwangâbo bakholwayo njengaye. Kaloku uAbraham ngubawo wethu sonke,
17 njengokuba zisitsho *iziBhalo ukuthi: “Ndikwenze uyise wezizwe ezininzi.” KuThixo ke uAbraham ngubawo wethu sonke; lo Thixo uAbraham athe wakholwa kuye; lo Thixo unika abafileyo ubomi; lo Thixo uthetha ngelizwi zitsho izinto ezingekabikho zibekho.
18 UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.”