16 Ngoko ke ilifa lifunyanwa ngokukholwa, oko kukuthi ngesisa. Ngale ndlela isithembiso simiselwe yonke inzala ka-Abraham. Le nzala ke asingabo nje abo bawugcinayo umthetho, kodwa ikwangâbo bakholwayo njengaye. Kaloku uAbraham ngubawo wethu sonke,
17 njengokuba zisitsho *iziBhalo ukuthi: “Ndikwenze uyise wezizwe ezininzi.” KuThixo ke uAbraham ngubawo wethu sonke; lo Thixo uAbraham athe wakholwa kuye; lo Thixo unika abafileyo ubomi; lo Thixo uthetha ngelizwi zitsho izinto ezingekabikho zibekho.
18 UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.”
19 Wayemayela nekhulu leminyaka ezelwe, kodwa akatyhafanga elukholweni akucinga ngokwaluphala kwakhe nangobudlolo bukaSara.
20 Hayi, akasithandabuzanga isithembiso sikaThixo ngokungakholwa; waya esomelela elukholweni, embonga uThixo,
21 eqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo.
22 Kungoko “wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”