18 Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla;
19 kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.
20 Kaloku indalo yathotyelwa kwimeko ephuthileyo, kungengakuthanda kwayo, kodwa kungokuthanda kwalowo wayithobayo. Phofu likho ithemba lokuba
21 nendalo ngokwayo iya kude ikhululwe kwiimbophelelo zokonakala, ize nayo isiwe enkululekweni nasebuqaqawulini babantwana bakaThixo.
22 Kuba kaloku siyazi ukuba kude kube ngokunje yonke indalo iyancwina inenimba.
23 Asiyiyo yodwa ke: nathi thina siphiwe uMoya osisiqinisekiso sokukhululwa kwethu nguThixo, siyancwina, silindele ukubekwa ewongeni lokuba ngoonyana bakaThixo. Yinkululeko yethu ke leyo.
24 Okunene naxa sisindisiwe nje, sisesethembeni. Ukuba ke siyayibona into esithembe ukuyifumana, asilothemba elo. Kaloku akukho mntu uthemba ukufumana into aseleyifumene.