16 Ke ukunyulwa komntu akuxhomekekanga ekuzithandeleni komntu, okanye ekwenzeni kwakhe, koko kuxhomekeke kwinceba kaThixo.
17 Kaloku iziBhalo zithi kukumkani waseJiputa: “Ndakuphakamisa ukuze ndiwabonakalise ngawe amandla am, ize negama lam lidume, linwenwe kulo lonke ihlabathi.”
18 Ngoko ke uThixo unenceba kulowo athanda ukumenzela inceba, aze ayenze lukhuni intliziyo yalowo athanda ukuyenza lukhuni.
19 Omnye kuni usenokuthi kum: “Ukuba ke kunjalo angathini na uThixo ukumsola umntu; kungekho bani nje unokumelana nentando kaThixo?”
20 Mntundini, kuxa ungubani wena ukuba ungade uphendulane noThixo? Into ebunjiweyo ingátsho njani kumbumbi wayo ukuthi: “Yini na ukuba undenjenje ukundibumba?”
21 Akanalo kakade umbumbi ilungelo lokuthi ngamdongwe mnye enze ingqayi exabisekileyo kwanengaxabisekanga?
22 Kukwanjalo ke nangokubhekiselele kwizinto ezenziwe nguThixo. Kaloku wayefuna ukubonakalisa ingqumbo yakhe nokwazisa ubungangamsha bakhe. Ngoko ke wabanyamezela ngomonde abo wayebaqumbele, ababemelwe kukutshatyalaliswa.